Uluka 21:22-33 Ibhayibhile (XHO96)

22. Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni.

23. Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu.

24. Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”

25. “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; emhlabeni kubekho iintlanga ezicinezelekileyo, zididekile kukugquma kolwandle namaza.

26. Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka.

27. Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.

28. Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”

29. Wabenzela umzekeliso uYesu, esithi: “Khangelani umkhiwane nayo yonke imithi.

30. Xa seyivelisa amagqabi, nithi nakukubona oko, nazi ukuba ihlobo lithwasile.

31. Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.

32. “Ndithi kuni, inene, asiyi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.

33. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”

Uluka 21