1. Ewaphakamisile amehlo akhe, uYesu ubone izityebi zigalela iminikelo yazo kwisikhongozeli-mali.
2. Ke wabona mhlolokazi uthile ulihlwempu efaka iimalana ezimbini;
3. waza wathi: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke,
4. kuba bonke aba banikele kuThixo bethatha ebutyebini babo, kanti yena, eswele nje, unikele ngako konke abenokuphila ngako.”