26. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.
27. Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke
28. besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’
29. Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana.
30. Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana.
31. Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana.
32. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
33. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
34. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa;
35. kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa.
36. Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo.