Uluka 20:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha.

13. Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’

14. Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’

15. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala.“Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya?

16. Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.”Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!”

17. Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi:“ ‘Ilitye abâlideláyo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’?

18. “Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.”

Uluka 20