12. Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha.
13. Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’
14. Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’
15. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala.“Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya?
16. Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.”Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!”
17. Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi:“ ‘Ilitye abâlideláyo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’?
18. “Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.”