6. Wakhawuleza ke wehla uZakeyi, waza wamkela uYesu ngovuyo.
7. Bakuyibona loo nto, bakhalaza bonke, besithi: “Uye kungena endlwini yomntu *ongumoni.”
8. Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.”
9. Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham.
10. Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.”
11. UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha.
12. Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye.