Uluka 19:28-37 Ibhayibhile (XHO96)

28. Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu wabandulela, wenyuka esiya eJerusalem.

29. Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, engasentabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wathuma ababini kubafundi bakhe,

30. esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha.

31. Ukuba ubani uthe kuni: ‘Niyikhululela ntoni loo donki?’ ze nithi: ‘Iyafunwa yiNkosi.’ ”

32. Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafika kunjengoko wayetshilo uYesu.

33. Bakuyikhulula inkonyana, abaniniyo bathi kubo: “Niyikhululela ntoni loo nkonyana?”

34. Bathi ke bona: “Iyafunwa yiNkosi.”

35. Bayisa ke kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo inkonyana yedonki leyo, bamkhwelisa kuyo uYesu.

36. Ehamba njalo, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.

37. Ke kaloku akusondela ethambekeni leNtaba yemiNquma, yathi yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo imemelela, imdumisa ngayo yonke imimangaliso eyayibonayo,

Uluka 19