Uluka 19:19-31 Ibhayibhile (XHO96)

19. Yathi nakweso: ‘Wena ndikunika igunya kwiidolophu ezintlanu.’

20. “Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu,

21. kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’

22. Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga;

23. kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’

24. “Yathi kwababemi ngakhona: ‘Mhlutheni ikhulu elo, nilinike lowo uneshumi lamakhulu.’

25. Ke bathi kuyo: ‘Nkosi, uneshumi lamakhulu!’

26. Yathi: ‘Inene, wonke umntu onolutho uya kunikwa; ongenanto ke, uya kuhluthwa kwanaloo nto anayo.

27. Ke zona ezo ntshaba zam zingafunanga ukuba ndibe ngukumkani wazo, ziziseni apha, nizibulale apha phambi kwam.’ ”

28. Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu wabandulela, wenyuka esiya eJerusalem.

29. Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, engasentabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wathuma ababini kubafundi bakhe,

30. esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha.

31. Ukuba ubani uthe kuni: ‘Niyikhululela ntoni loo donki?’ ze nithi: ‘Iyafunwa yiNkosi.’ ”

Uluka 19