Uluka 19:11-27 Ibhayibhile (XHO96)

11. UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha.

12. Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye.

13. Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’

14. Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’

15. “Yakuba ke ibekiwe yangukumkani inkosana le, ibuyile, yaza yathi mazibizelwe kuyo ezo zicaka yayizinike imali leyo, ukuze ive kuzo ngazinye ukuba zingenise ntoni na ngokurhweba.

16. Seza ke esokuqala, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lizele ishumi lamakhulu.’

17. Yathi kuso: ‘Hee ke, sicakandini esilungileyo! Ngenxa yokuba ubuthembekile kokuncinane, ndikunika igunya kwiidolophu ezilishumi.’

18. Seza nesesibini, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lenze isihlanu samakhulu.’

19. Yathi nakweso: ‘Wena ndikunika igunya kwiidolophu ezintlanu.’

20. “Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu,

21. kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’

22. Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga;

23. kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’

24. “Yathi kwababemi ngakhona: ‘Mhlutheni ikhulu elo, nilinike lowo uneshumi lamakhulu.’

25. Ke bathi kuyo: ‘Nkosi, uneshumi lamakhulu!’

26. Yathi: ‘Inene, wonke umntu onolutho uya kunikwa; ongenanto ke, uya kuhluthwa kwanaloo nto anayo.

27. Ke zona ezo ntshaba zam zingafunanga ukuba ndibe ngukumkani wazo, ziziseni apha, nizibulale apha phambi kwam.’ ”

Uluka 19