7. “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’?
8. Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’
9. Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho?
10. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”
11. Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili.
12. Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama.
13. Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”
14. Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa.
15. Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo;
16. yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya.
17. Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba?