Uluka 17:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?”

19. Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”

20. Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo.

21. Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile.”

22. Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni.

Uluka 17