15. Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo;
16. yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya.
17. Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba?
18. Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?”
19. Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
20. Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo.
21. Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile.”
22. Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni.
23. Baya kuthi kuni: ‘Nankuya phaya! Nanku apha!’ Ze ningayi ke, ningabalandeli nokubalandela;