Uluka 16:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.”

9. Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade.

10. Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu.

11. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka kubutyebi beli phakade, ngubani na onokunithemba kobo butyebi bububo?

12. Ukuba anibanga nakuthembeka kokukokomnye, ngubani na onokuninika okukokwenu?

13. “Akukho sicaka sinokukhonza iinkosi ezimbini, kuba siya kuyithiya le, siyithande leya, okanye sibambelele kule, siyidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.”

14. Ke *nabaFarasi, amathanda-mali, bamvile uYesu ekuthetha konke oku, baza bamnximzela;

15. waza wathi kubo: “Nina ningabazenza amalungisa phambi kwabantu, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Ke oko kuxatyisiweyo ngabantu kulizothe kuThixo.

16. “Kwakulawula *umthetho kaMosis nezibhalo *zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana.

17. Kulula ukuba lidlule izulu nehlabathi kunokuba kucinywe nechaphazana eli lomthetho.

Uluka 16