Uluka 16:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. “Kwakukho sityebi sithile, esasivatha ezimbeje-mbeje, sisitya oozimuncu-muncu yonke imihla.

20. Esangweni laso kwakudla ngokusiwa hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalizele zizilonda,

21. lisoloko linqwenela ukutya nokuba yimvuthuluka ewa etafileni yesityebi eso. Bezisiza izinja, zikhothe izilonda zalo.

22. “Ke kaloku lafa ihlwempu elo, lasiwa kuAbraham zizithunywa zezulu. Safa ke nesityebi, sangcwatywa.

23. Sathi, sikwelabafileyo, saphakamisa amehlo aso sisentuthumbeni, sambona uAbraham ekude, uLazaro enaye.

24. Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’

25. “Kodwa uAbraham wathi: ‘Nyana, khumbula ukuba wena ebomini bakho wawufumana izinto ezimnandi, uLazaro yena efumana ezimbi; ngoku yena uyathuthuzelwa apha, kanti wena uyathuthunjelwa.

26. Kodwa ke, ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze abathanda ukuwela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako, nokuthi abalapho kuni bangabi nakuwelela kuthi.’

Uluka 16