1. Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso.
2. Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’
3. Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni!
4. O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’
5. “Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’