1. Kwangelo xesha ke kwabakho abathile abâmxeleláyo uYesu ngamaGalili, awathi esenzela uThixo amadini, abulawa nguPilato.
2. Waphendula uYesu wathi kubo: “Niba loo maGalili ebengabôni ngaphezulu kwawo onke amanye amaGalili, kuba evé ubunzima obunjalo?
3. Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke.
4. Khanitsho ke, bona abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowa bafa, niba babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu baseJerusalem?
5. Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”
6. UYesu ke wabenzela lo mzekeliso: “Ubani wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe, weza efuna isiqhamo kuwo, waza akafumana nto.