Uluka 12:28-38 Ibhayibhile (XHO96)

28. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane!

29. Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na!

30. Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele.

31. Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”

32. “Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

33. Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu.

34. Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”

35. “Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha,

36. ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko.

37. Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Ndithi kuni, inene, loo nkosi iya kubhinqa, izihlalise phantsi ezo zicaka, ize isondele izilungiselele.

38. Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka.

Uluka 12