41. Ngoko ke yiphani abasweleyo izinto ezingaphakathi kwindebe nesitya. Nakwenjenjalo ke aniyi kuphinda nizikhathaze ngezinto ezinomlaza nezingenawo.
42. “Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.
43. “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho.
44. Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”
45. Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”
46. Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.
47. Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo.
48. Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo.
49. Kungoko uThixo ngokobulumko bakhe atshoyo ukuthi: ‘Ndiya kuthumela abashumayeli nabathunywa ebantwini; inxenye baya kuyibulala, inxenye baya kuyitshutshisa.’
50. Lobizwa kwesi sizukulwana ke igazi labo bonke abashumayeli, elaphalazwayo ukususela ekusekweni kwehlabathi,
51. liqalela egazini lika-Abheli, lide lise egazini likaZakariya, owabulawa phakathi kweqonga lamadini nendawo engcwele. Ewe, nditsho nangoku liya kubizwa kwesi sizukulwana.
52. “Mawoo, nina bachazi-mthetho! Nasisusa isitshixo solwazi. Nina ngokwenu aningeni, kanti nabafuna ukungena niyabalela.”
53. Ukumka kukaYesu apho, abachazi-mthetho nabaFarasi bacaphuka, bamana bemlinga ngemibuzo emininzi,
54. befuna ukumrhintyela ngentetho yakhe.