1. Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.”
2. Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini:“ ‘Bawo,malaziwe lihlonelwe igama lakho;malongame ulawulo lwakho.
3. Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;
4. usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi;ungasiyekeli ekulingweni.’ ”
5. Ke uYesu wathi kubo: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu,
6. kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’
7. ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’