Uluka 11:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.”

2. Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini:“ ‘Bawo,malaziwe lihlonelwe igama lakho;malongame ulawulo lwakho.

3. Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

4. usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi;ungasiyekeli ekulingweni.’ ”

Uluka 11