3. Phambi kwawo kulenyez' umlilo;ngasemva kudangazel' idangatye.Phambili phaya umhlaba ngathi ngumyezo we-Eden,kodwa emkhondweni wawo yinkangala.Ubetha kungasindi nto konke-konke.
4. Mbonakalo yawo ngathi ngamahashe;ewe, uphala oku kwawomkhosi.
5. Nanko utsiba-tsiba ezintabeni.Yingxokolo engathi kukugaxaza kweenqwelo zokulwa,ngathi kukunqanqaza komququ otshiswa ngumlilo.Unqwa nomkhosi oqulele imfazwe.
6. Ewe, wona nguvela-barhwaqele;phambi kwawo ubuso bezizwe buyambatsha.
7. Uhlasela okwamagorha;ugwencel' iindonga okwamajoni;ungqala phambili ungajika-jiki.
8. Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.