7. “Ndithe ndakubona ukuba ubomi bam buyacutheka,suka ndakukhumbula wena, Ndikhoyo,umthandazo wam wanyukela kuwe,waya kutsho endlwini yakho engcwele.
8. Kambe ke, abazilibazisa ngezithixo ezingento yanto,balahlekana nenceba yakho.
9. Ke mna ndonikela kuwe ngedini,ndihlabele iculo lokukudumisa.Ndosifezekisa isibhambathiso sam.Usindiso lukuNdikhoyo.”
10. Ke kaloku uNdikhoyo wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanza uJona emhlabeni owomileyo.