1. Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uJona unyana ka-Amitayi, lisithi:
2. “Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, usishumayeze, kuba inkohlakalo yaso seyide yaza kufika nakum.”
3. Kambe ke yena uJona wambaleka uNdikhoyo, wasabela eTashishe. Wehla waya eJopa, apho wafumana inqanawa eya eTashishe. Akuba ke eyihlawule imali yendlela, wakhwela wasinga eTashishe, ebaleka uNdikhoyo.
4. Ke kaloku uNdikhoyo wathumela umoyakazi omkhulu apho elwandle; yaba sisaqhwithi esayitsho yasemngciphekweni wokuqhekeka inqanawa leyo.