Ujeremiya 9:21-26 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ukufa kuthubeleze ngeefestilekwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.

22. Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”

23. Uthi uNdikhoyo:“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.

24. Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,nokulungileyo, nobulungisa.Nazo ke izinto ezindikholisayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, iyeza imihla endiya kubohlwaya ngayo kwanabo bolukileyo enyameni.

26. Ndiza kuwohlwaya amaJiputa, namaJuda, namaEdom, nama-Amon, namaMowabhi, kwanâbo bangabemi basentlango abanwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Kaloku zonke ezi ntlanga enyanisweni azalukanga. Nkqu indlu kaSirayeli iyonke ayalukanga entliziyweni.”

Ujeremiya 9