20. Abantu bona bathi:“Sekugqityiwe ukuvunwa,nehlobo sele lidlule,kodwa ke thina asikasindiswa.”
21. Ngenxa yamanxeba amawethu nam ndiziva ndiyingxwelerha.Ndizilile, ndimatshekile.
22. Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi?Akusekho gqirha na khona?Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?