Ujeremiya 6:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Phakamani, sihlasele ngobusuku,sizidilize ezo nqaba.”

6. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Gawulani imithi,nifumbe iingqumba zomhlaba kwiindonga zeJerusalem.Sisixeko esifanelwe kukohlwaywa,intw' ezele yingcinezelo yodwa.

7. Njengoko ahlala empompoza amanz' omthombo,buhlala bunjalo ukumpompoza ububi baseJerusalem.Kuhlala kuvakala ugonyamelo nembuqe kuyo;iimbandezelo neentlungu zihlala ziphambi kwam njalo.

8. Lumka, Jerusalem, hleze ndikulahle,naloo mhlaba wakho ndiwutsho ufane nenkangala engahlalwa bani.”

9. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Khwahlaza loo masalela akwaSirayeli,uxele umntu okhwahlaza emdiliyeni,ebhikica loo minqandandana isele emasebeni.”

10. Ndibhekise kubani?Ngubani owondiphulaphula,abamkele ubungqina bam?NingamaSirayeli alukileyo,ukanti iindlebe zenu zivalekile,aniva tu!Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso;abalikhathalele nganto.

11. Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo.Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe.“Yibhodlele kubantwana ezitalatweni,nakubafana ezimbuthweni.Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi.Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.

12. Imizi yabo yothathwa bantu bambi,ngokunjalo amasimi nabafazi babo,xa ndibohlwaya abantu beli lizwe.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Ujeremiya 6