Ujeremiya 6:26-30 Ibhayibhile (XHO96)

26. Zithini wambu ngerhonya, bantu bam,nizibhuqa-bhuqe eluthuthwini,nibe ngathi nizilele unyana okuphela kwakhengesikrakra sona isililo,kuba uza kusifikela ngequbuliso yena umtshabalalisi.

27. “Ndikwenze umgocagoci wabantu bam,ukuze uziqonde uzivavanye kakuhle iindlela zabo.

28. Bangabakreqi abanenkani;balukhuni okwesinyithi nentsimbi.Zizinto ezihamba zisasaza ulwimi;bonakele xa bebonke.

29. Imfutho ivuthela umlilo wokunyibilikisa ilothe.Uyawenza umsebenzi wakhe umkhandi,kodwa yonke loo nto lilize,kuba zona izikhohlakali azipheli.

30. Kuthiwa abantu bayintlenge yesiliva,kuba uNdikhoyo ubabukule.”

Ujeremiya 6