18. “Bekani iindlebe ke ngoko, nina zintlanga,niyiqonde, mabandlandini, into endiza kubenza yona.
19. Phulaphula, mhlaba,ubone ishwangusha endiza kulithumela aba bantu.Sisiphumo samayelenqe abo,kuba kaloku abalinanzanga ilizwi lam –andisathethi ke ngomyalelo wam abawubukuleyo.
20. Andiyihoyanga intlaka yesiqhumiso yaseSheba,ndingawakhathalele namakha avela kwelasemzini.Andinamdla kumadini enu;andikholiswa nangala atshiswayo.”
21. Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi:“Aba bantu ndiza kubabekela imiqobo abaya kukhubeka kuyo,kuwe uyise nonyana kunye nabamelwana nezihlobo,batshabalale xa bebonke.”