Ujeremiya 6:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo.Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe.“Yibhodlele kubantwana ezitalatweni,nakubafana ezimbuthweni.Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi.Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.

12. Imizi yabo yothathwa bantu bambi,ngokunjalo amasimi nabafazi babo,xa ndibohlwaya abantu beli lizwe.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kususela koyena uphantsi umntu,kuse kwabona baphakamileyo,xa bebonke basemva kwenzuzo.Kwanabashumayeli, nababingeleli ngabakhohlisi xa bebonke.

14. Amanxeba abantu bam banga bayawanyangangokuthi: ‘Ngxe, ngxe, akukho ngozi!’Ukanti alixolanga.

Ujeremiya 6