4. Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Bamisa ngaphandle kwesixeko, basakhela iindonga zokuhlasela.
5. Sahlala singqingiwe njalo ke isixeko eso yada yangunyaka weshumi elinanye kakumkani uZedekiya.
6. Kwathi ngomhla wethoba kwinyanga yesine yabe indlala iqatsele apho esixekweni, kangangokuba abantu baphelelwa kukutya.
7. Ke kaloku amaKaledi alugqobhoza udonga lwesixeko, waza umkhosi wonke waseJerusalem wasaba ngobusuku, wemka ngendlela edlula ngasemyezweni kakumkani, waphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, wabalekela entilini yeJordan. Ngelo xesha amaKaledi ayesasingqingile isixeko.