Ujeremiya 52:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abathile kubantu abangamahlwempu nabantu ababengamasalela apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nĂ¢bo babesebezinikezele kumaBhabheli.

16. Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abanye abantu abangamahlwempu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

17. AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu, kwakunye neenqwelana, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli.

18. Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, nezitya zokufefa, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.

19. Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha iingcedevu, neepani zesiqhumiso, nezitya zokufefa, neembiza, neziphatho zezibane, namacephe, namathunga asetyenziswa kwiminikelo ethululwayo, kwakunye nayo yonke into eyayenziwe ngegolide engcwengekileyo okanye isiliva engcwengekileyo.

Ujeremiya 52