Ujeremiya 51:40-43 Ibhayibhile (XHO96)

40. “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41. “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

42. Ulwandle luya kuyigqumelela iBhabheli,igutyungelwe ngamaza agqumayo.

43. Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane,ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi,ilizwe elingamiwa mntu,ilizwe elingacandwa nangumhambi.

Ujeremiya 51