13. Wena ohleli ngasemanzini amaninzi,wena obuncwane bungako,sifikile isiphelo sakho,ligalelekile ixesha lokuba usikwe.
14. UNdikhoyo onamandla onke ufungile, ezifunga ngokwakhe,wathi: ‘Ndokutsho uzale ngabantu ngathi ziinkumbi.Iya kuba yimihelele bevuya ngenxa yokoyiswa kwakho.’
15. “Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe;ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe,waza walitwabulula izulu ngokwengqiqo yakhe.
16. Akuvakalisa ilizwi lakhe amanzi ayazongoma ezulwini,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.
17. “Bonke ziziyatha ezingenalwazi;ingcibi yegolide iyahlazeka ngenxa yemifanekiso eyiqingqileyo.Imifanekiso yayo eyityhidileyo bubuxoki –kaloku ayinawo umphefumlo.
18. Ingamampunge – izizinto zokugxekwa;ngemini yomgwebo iya kutshabalala.
19. Akanjengabo yena uSahlulelo sikaYakobi –kaloku yena nguMbumbi weento zonke,kwanowesizwe ke esililifa lakhe.NguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.
20. “Nguwe, Bhabheli, ibhunguza lam;usisikrweqe sam sokulwa.Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga,ndizonakalise ngawe izikumkani.
21. Ngawe ndihlekeza ihashe noqabele kulo;ndihlekeze inqwelo yokulwa nokhwele kuyo.
22. Ngawe ndihlekeza indoda nomfazi,ndihlekeze ixhego nomfana,nditsho kwaumlisela nomthinjana.