Ujeremiya 5:22-31 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngani ningandoyiki nje?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ngani ningankwantyi nje bubukho bam? Indim nje owabeka intlabathi yangumda wolwandle, umqobo olungasoze luwudlule naphakade. Nditsho nokuba seledloba egquma amaza, akasoze awugqithe.

23. Kodwa aba bantu banenkani, abalawuleki. Bakreqile bemka kum.

24. Àbatsho ezintliziyweni zabo ukuthi: ‘Masimoyike uNdikhoyo uThixo wethu osinika imvula ngexesha ekwindla nasentwasa-hlobo, osipha amathuba okuvuna minyaka le.’

25. Ubugwenxa benu buzigxothile ezi zinto; izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.

26. “Kukho izikhohlakali phakathi kwabantu bam. Zizinto ezilalelayo okwabathiyeli-zintaka; zigcayisela abantu.

27. Izindlu zabo bazizalisa ngobuqhophololo ngathi ziingobozi zizele ziintaka; yiyo loo nto bezizityebi neendwalutho.

28. Ngamaqukunya agudileyo kukutyeba; inkohlakalo yabo ayinamda. Inkedama abayithetheleli ukuze ibe nempumelelo; amalungelo endwayi abawakhuseli.

29. “Mandingabohlwayi ke ngenxa yezi zenzo zabo, ndingaziphindezeli kubantu abanjengaba?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30. “Kuhle isikizi elothusayo kulo mhlaba.

31. Abashumayeli bashumayela ubuxoki; ababingeleli bona bakhokela ngokwentando yabo, kanti nabantu bam bayakholwa yiloo nto. Kodwa nothini ngomhla wokugqibela?”

Ujeremiya 5