Ujeremiya 49:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. “Yenza isijwili, wena Heshbhon,kuba iAyi ibhuqiwe.Khalani, zilali zaseRabha;bhinqani ezirhwexayo nizile.Zula-zulani nididekile,kuba uMilikom uya kuthinjwa,nditsho yena kunye nababingeleli neziphathamandla zakhe.

4. Kutheni niqhayisela ngeentili zenu,iintili zenu ezichumileyo?Hayi bo, bantundini abakreqayo,abakholosa ngobutyebi babo!Nithi: ‘Ngubani onokusihlasela?’

5. Niyabona, ndiza kunihlisela unkwantyoluvela kubantu abaningqongileyo.”Lowo ngumlomo weNkosi uNdikhoyo onamandla onke.“Niya kuchitha-chithwa,elowo asabe ngeyakhe indlela,kungabikho bani uzihlanganisayo iimbacu.

6. Kambe ke, emva koko, ndiya kumbuyisela kundalashe uAmon,adle ngendebe endala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7. Malunga noEdom *uNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi:“Akusekho bulumko na kwaTeman?Sezaphelelwa ngamacebo na iingqondi?Sebutshitshile na ubulumko bazo?

8. Jikani nisabe, nizimele kwimiqolomba emnyama, nina bemi bakwaDedan.Ndiza kumhlisela ishwangusha uEsawu,kuba lifikile ixesha lokuba ndimohlwaye.

Ujeremiya 49