2. Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:
3. “Bophani amakhaka amancini namakhulu,nisinge edabini.
4. Bophani amahashe, nitsho phezulu.Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko.Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.
5. Nibona ntoni ngoku?Bayankwantya; nâbo behlehla.Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva.Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.
6. Nonamendu akanakuphuncula; negorha alinakusinda.Bafadalele phaya emantla; bawile ngakumlambokazi iEfrati.
7. Ngubani lo uvumbuluka ngathi yiNayile,ngathi ngamanzi emilambo adlokovayo?
8. Tyhini, yiJiputa le ivumbulukayo ngathi yiNayile!Yiyo engathi ngamanzi emilambo adlokovayo.Ithi: ‘Ndiya kuvumbuluka,ndiwuthi gqume umhlaba,ndikhukhulise izixeko nabemi bazo.’
9. Iwuu, maqela amahashe!Phuthumani, madod' akhwel' iinqwelo; phambili, magorhandini!Nditsho nina, maKushe namaPuti, nina baphethe amakhaka;nani, maLudi, nina bafohlele iintolo!