1. Nanga amazwi *kaNdikhoyo awawabhekisa kwiintlanga ngomshumayeli uJeremiya.
2. Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:
3. “Bophani amakhaka amancini namakhulu,nisinge edabini.
4. Bophani amahashe, nitsho phezulu.Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko.Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.
5. Nibona ntoni ngoku?Bayankwantya; nâbo behlehla.Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva.Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.