Ujeremiya 45:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. La ngamazwi *omshumayeli uJeremiya awawabhekisa kuBharuki unyana kaNeriya ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda, xa uJeremiya wayewabizela uBharuki amazwi akhe, yena ewabhala encwadini. Athi:

2. “Utsho *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokubhekisele kuwe Bharuki, ukuthi:

3. Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’

4. “Utsho ke uNdikhoyo kuwe, Bharuki, ukuthi: ‘Oko ndikwakhileyo ndobuya ndikudilize, ndibuye ndikuncothule noko ndikutyalileyo. Kuya kuba njalo ke emhlabeni wonke.

Ujeremiya 45