Ujeremiya 33:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. Esi sixeko siya kuba ngumthombo wovuyo kum, ibhongo neqhayiya lam emehlweni eentlanga zonke zehlabathi xa zisiva ngezinto ezintle endizenzela sona, zitsho zothuke zinkwantye zakubona uxolo nentlala-kahle exhanyulwayo.’

10. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Aba bantu bathi le ndawo yinkangala engamiwa mntu nasilwanyana. Ewe, kunjalo: iidolophu zakwaJuda nezitalato zaseJerusalem azinabantu, akukho nazilwanyana. Kanti iza kubuya ivakale

11. intswahla yemigcobo nemincili, kuvakale izwi lomyeni nelomtshakazi, kuvakale ingoma yâbo bazisa umnikelo wombulelo endlwini kaNdikhoyo, besithi:“ ‘ “Makabongwe uSomandla-onke uNdikhoyongokuba elungile,obubele bakhe buhlala buhleli!”“ ‘Eli lizwe ndiza kulibuyisela kundalashe, lichume njengangaphambili.’ Utsho uNdikhoyo.

12. “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Kanye kule ndawo iyinkangala, ingamiwa mntu nasilwanyana, kuza kuvela amadlelo apho abelusi baya kwalusela khona impahla, kuvuswe needolophu zayo.

13. Ezidolophini kweleentaba, nezakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kummandla wakwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zakwaJuda, kobuya kubalwe imfuyo ngabelusi,’ utsho uNdikhoyo.

14. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Iyeza imihla yokuba ndisifezekise isithembiso sam kwisizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.

15. “ ‘Ngaloo mihla, kanye ngelo thuba,ndovelisela uDavide ihlumelo elinobulungisa.Uya kuliphatha ngokuthe tye nangobulungisa ilizwe lonke.

16. Ngaloo mihla abantu bakwaJuda bohlala bengabasindileyo,nabemi baseJerusalem bohlala bekhuselekile.Igama eya kubizwa ngalo lelithi: “UNdikhoyo ubulungisa bethu.”’

17. “Ewe, uNdikhoyo uthi: ‘KwaDavide soze inqamke indoda yokulawula kwaSirayeli.

18. NakubaLevi bohlala bekho ababingeleli bokwenza amadini atshiswayo naweenkozo nemibingelelo.’ ”

19. Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:

20. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, kungabikho mini nabusuku ngexesha elimisiweyo,

Ujeremiya 33