Ujeremiya 30:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”

4. Wenjenje ukuthetha uNdikhoyo, ebhekisa kumaSirayeli nakumaJuda:

5. “Utshilo uNdikhoyo ukuthi:‘Kuvakala isikhalo esibangwa lixhala.

6. Khawuthi xha, ukhe ucinge:yakha yazala kanene indoda?Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba?Kutheni ematshekile nje?

Ujeremiya 30