Ujeremiya 29:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Wayinikela uElasa unyana kaShafan loo ncwadi, ekunye noGemariya unyana kaHilekiya, ababezizigidimi zikakumkani uZedekiya wakwaJuda awazithumayo eBhabheli kukumkani uNebhukadenezare. Wabhala wenjenje:

4. *UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli, utsho kubo bonke abathinjwa awabasa eBhabheli, besuka eJerusalem, ukuthi:

5. “Yakhani izindlu, nihlale kuzo; limani izitiya, nitye iziqhamo zazo.

6. Thathani abafazi, nizale oonyana neentombi; oonyana benu nibafunele abafazi, nizendise neentombi zenu, ukuze nabo bazale oonyana neentombi – qhamani nande, ninganciphi.

7. Zamelani ucwangco kwezo zixeko ndinithumele kuzo, nizithandazele kuNdikhoyo, kuba xa ziba nenkqubela, nani noxhamla kuloo ntlala-kahle.”

8. Ewe, utsho uNdikhoyo, uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli ukuthi: “Sanukuvuma ukukhohliswa ngâbo bashumayeli noosiyazi abaphakathi kwenu, ningawathatheli ngqalelo naloo maphupha bawaphuphayo.

9. Banishumayeza egameni lam bexoka; abathunywanga ndim konke.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

31-32. “Thumela kubantu abangabathinjwa uthi: ‘Nkokusingisele kuShemaya umNehelam uNdikhoyo utsho ukuthi: Ndiza kumohlwaya uShemaya kunye nenzala yakhe, kuba unishumayeza noxa engathunywanga ndim, wanenza nathemba ubuxoki. Ngenxa yoko utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, akayi kuba nanzala konke. Akasobe azibone izinto ezintle endiza kuzenzela abantu bam, kuba kaloku yena ubebafundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

Ujeremiya 29