14. Ewe, ndithi ndofumaneka, ndize ke mna ndikuphelise kuni ukuthinjwa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndoniqokelela phakathi kwezo ntlanga ndanichitha-chithela kuzo, ndinibuyisele kule ndawo apho ndanisusa khona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
15. Nithi nina: “UNdikhoyo wasinika abashumayeli eBhabheli.”
16. Kodwa ngokuphathelele kukumkani osesihlalweni sikaDavide kwakunye nakubantu bonke besi sixeko, amawenu angazanga asiwa ekuthinjweni kunye nani,
17. utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: “Bona ndiza kubahlisela ikrele, nendlala, nobhubhani. Ndobatsho bafane namakhiwane angenakutyiwa ngenxa yokuba mabi kwawo.