1. Kunyaka wesine ukumkani uJoyakim, unyana kaJosiya, elawula kwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, limayela nabantu bakwaJuda xa bebonke. Lo yayingunyaka wokuqala uNebhukadenezare elawula eBhabheli.
2. UJeremiya wathetha nabantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem xa bebonke, wenjenje:
3. “Kwiminyaka engamashumi mabini anantathu ukuza kuthi ga ngoku, kususela kunyaka weshumi linantathu elawula ukumkani uJosiya unyana ka-Amon, ilizwi likaNdikhoyo lalisoloko lifika kum, ndibe nam ndiphindelela ukubhekisa kuni. Koko nina nisuke anahoya nto kwaphela.