28. Kutheni uKoniya engodelekileyo, efana nengqayi etyumkileyo, into engafunwa bani? Kutheni selelahlwa ephoswa kwilizwe angalaziyo yena kunye nentsapho yakhe?
29. Mhlaba; mhlaba! O, hayi, lo mhlaba!Phulaphula! Nali ilizwi likaNdikhoyo!
30. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Lo mfo mbaleleni ekuthini ungongenanzala,into engayi kuba nankqubela lo gama isekhoyo.Nakwinzala yakhe akukho bani uya kuba nempumelelo,kungekho namnye oya kuhlala esihlalweni sikaDavide, alawule kwaJuda.”