7. *Ndikhoyo, undicengile ndacengeka;ewe, undongamele, ndaza ndoyisakala.Ndiyintlekisa mihla le;ndisisigculelo sikawonke-wonke.
8. Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.
9. Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”lisuka libe ngumlilo otshisayo,umlilo ovalelwe emathanjeni am.Ndoyisakele kukuwunqanda;ewe, ndiyanikezela.
10. Ndive abaninzi besebeza besithi:“Lunxunguphalo jikelele!Makamangalelwe, simse ngaphambili!”Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,size simfumane, siziphindezele kuye.”
11. Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;ligorha elomeleleyo.Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.
12. Ndikhoyo Somandla-onke,wena uwavavanyayo amalungisa,uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.
13. Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyokwigunya labantw' abagwenxa.