Ujeremiya 20:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wena ke, Pashure, kunye nentsapho yakho, uza kuba ngumthinjwa kwelaseBhabheli. Wena kunye nâbo bahlobo bakho ubukade ubashumayeza ubuxoki, niza kufela apho, ningcwatyelwe kwalapho.’ ”

7. *Ndikhoyo, undicengile ndacengeka;ewe, undongamele, ndaza ndoyisakala.Ndiyintlekisa mihla le;ndisisigculelo sikawonke-wonke.

8. Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.

9. Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”lisuka libe ngumlilo otshisayo,umlilo ovalelwe emathanjeni am.Ndoyisakele kukuwunqanda;ewe, ndiyanikezela.

10. Ndive abaninzi besebeza besithi:“Lunxunguphalo jikelele!Makamangalelwe, simse ngaphambili!”Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,size simfumane, siziphindezele kuye.”

11. Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;ligorha elomeleleyo.Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.

Ujeremiya 20