Ujeremiya 20:2-4 Ibhayibhile (XHO96)

2. wathi umshumayeli uJeremiya makakatswe, akhonkxwe iinyawo ngezikhuni ngakwisango elingasentla lendlu kaNdikhoyo ekuthiwa lelikaBhenjamin.

3. Ngengomso uthe uJeremiya akukhululwa nguPashure ekukhonkxweni, wabhekisa kumbingeleli lowo wathi: “Igama akunike lona wena uNdikhoyo asinguye uPashure, nguNxunguphele-jikelele.

4. Kaloku utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukwenza unxunguphale wena siqu, unxunguphalise nabahlobo bakho. Uza kubabona ngala wakho amehlo besiwa likrele leentshaba. UJuda ephela ndiza kumnikela esandleni sokumkani waseBhabheli. Abanye yena uza kubasa eBhabheli, abanye ababulale ngekrele.

Ujeremiya 20