Ujeremiya 20:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;ligorha elomeleleyo.Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.

12. Ndikhoyo Somandla-onke,wena uwavavanyayo amalungisa,uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.

13. Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyokwigunya labantw' abagwenxa.

14. Unelishwa umhla endazalwa ngawo;mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.

15. Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,esithi: “Uzel' inkwenkwe!”

16. Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.

17. Kaloku yena akazange andibulale ndisesesizalweni,khon' ukuze uma abe lingcwaba lam,sihlale isizalo sakhe sindimithi ngonaphakade.

Ujeremiya 20