Ujeremiya 18:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.”

3. Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe.

4. Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.

Ujeremiya 18