10. “Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’
11. Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12. ‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna.
13. Ndiza kunikhupha kulo mhlaba, ndinise kwilizwe eningalaziyo nina kunye nooyihlo. Apho nonqula *thixo bambi imini nobusuku, kuba andiyi kunisizela konke mna.’ ”
14. Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Inene, iyeza imihla ekungayi kuba safungwa kuthiwe: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’