10. Awu, mama, ubundizalela ni? Ngoku sendingumntu wempikiswano nengxabano ehlabathini lonke! Andibolekisanga nganto, kungekho nabani endiboleke kuye, kodwa akukho mntu ungandiqalekisiyo.
11. *UNdikhoyo wathi kum: “Inene, ndokukhusela, kuba ndinenjongo elungileyo ngawe. Inene, iintshaba zakho ziya kubhenela kuwe ngexesha lentlekele nokubandezeleka.
12. Unako na umntu ukuyaphula intsimbi, ngakumbi le ivela ngasentla, okanye mhlawumbi ubhedu?
13. “Ubutyebi bakho nendyebo yakho, Sirayeli, ndobunikezela felefele bube lixhoba ngenxa yezono zakho ozenzileyo kulo lonke ilizwe.
14. Ndiya kukunikela kwiintshaba zakho, zimke nawe, zikuse ezweni ongalaziyo, kuba ingqumbo yam ivutha okomlilo oya kukutshisa.”